Lamentations 1:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Onke amaṙoti am iwalahlile inkosi pakati kwam; ibizile ngakum intlanganiso, ukwapula amadodana am; isincinezelo seveyine isixovulile inkosi, esentombi ipela ka‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam; Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am. INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uwanyhashe onke amagorha phakathi kwam; Umeme ibandla ukuba laphule amadodana am; iNkosi yam ixovule intombi enguYuda, njengesixovulelo sewayini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
INkosi izibukule zonke izithwala-ndwe zam; ihlanganise umkhosi ukuze ucumze umlisela wakowethu. INkosi iyinyhashe esixovululweni intombi enguJuda.