Lamentations 1:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yezi zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam liyahlisa amanzi, ngokuba umtutuzeli ekude kum, umbuyisi wompefumlo wam: abantwana bam bacitakele, ngokuba utshaba lweyisile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi, Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam; Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyazilela ezi zinto; iliso lam, iliso lam liphalaza amanzi, Ngokuba ekude kum umthuthuzeli owenza umphefumlo wam; Babhidekile abantwana bam, ngokuba utshaba loyisile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kungoko ndisenza isimbonono, amehlo am ephalala iinyembezi. Akukho bani ukufuphi kum ukundithuthuzela; akukho mntu uhlaziya umoya wam. Abantwana bam baphalele kuba utshaba loyisile.