Lamentations 1:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Siyalila ngento enzima ebusuku, nenyembezi zaso zipezu kwezidlele zaso: akuko namnye ositutuzelayo pakati kwabo bonke abatandi baso; zonke izihlobo zaso zisipete ngenkohliso, ziba zintshaba kuso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe;Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe; Onke amakholwane akhe ammenezelele, Aba lutshaba kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ulila kakhulu ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe; kuzo zonke izithandwa zakhe akukho mthuthuzeli; Bonke abahlobo bakhe bamngcatshile baza baba ziintshaba zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyangqukruleka elila ebusuku, izidlele zakhe zisihla iinyembezi. Kuzo zonke izithandwa zakhe akukho simthuthuzelayo; bonke abahlobo bakhe bamngcatshile, suka baziintshaba zakhe.