Lamentations 1:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kangela. Yehova! ngokuba ndixinezekile; amatumbu am axapazele; intliziyo yam ipetukile pakati kwam; ngokuba ndivukele kakulu: ngapandle ndihlutiwe abantwana liṙele; pakati endlwini kunjengokufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila; Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela; Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khangela, Yehova! ngokuba ndibandezelekile; isisu sam asiphumli; Intliziyo yam iguqukile phakathi kwam; ngokuba bendiqhayisa kakhulu; ngaphandle baphanga umkhonto, Endlwini kukufa njengokufa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khangela, Ndikhoyo, ndibandezeleke kakhulu; amathumbu am ayaxuxuzela. Intliziyo yam ikhathazekile, kuba ndisuke ndangenwa luvukelo. Phandle phaya ikrele liyabhubhisa, ngaphakathi kukufa kodwa.