Lamentations 1:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bavile ukuba kugulwa ndim, kungeko umtutuzeli kum; bonke abazintshaba zam bavile ilishwa lam; bayagcoba ukuba wenje njalo: uya kuzisa umhla uwuxeleyo, bandule babe njengam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli;Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwe nguwe. Uyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bandivile ukuba ndiyancwina; akukho bani undithuthuzelayo; Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; bayavuya kuba eyenzile; Uya kuyizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ivakele incwina yam, kodwa akakho ondithuthuzelayo. Zonke iintshaba zam zivile ngobubi obundihleleyo; ziyagcoloda yinto ondenze yona. Ibinga ingade ifike imini owawuyixelile, ukuze nazo zifane nam.