Lamentations 1:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Maize yonke inkohlakalo yabo ebusweni bako; uze wenzele bona, njengokuba ubusenzela nam ngenxa yazo zonke izigqito zam: ngokuba izigulo zam zininzi, nentliziyo yam icubukile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo, Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke; Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo; uze wenze kuzo kanye njengoko undenze ngako ngenxa yokunxaxha kwam konke, ngenxa yokuba zininzi izono zam nentliziyo yam ivaliwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawuyibone yonke inkohlakalo yazo, nazo uziphathe ngale ndlela undiphethe ngayo ngenxa yazo zonke izikreqo zam. Ndincwina ndincwinile; umxhelo wam uwile.