Lamentations 1:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yakumbula i‐Yerusaleme, emihleni yokubandezelwa kwayo nokutshutshiswa kwayo, zonke izinto zayo ezinqwenelekileyo ezibe ziko kwa semihleni yakudala; nxa abantu bayo bawa esandleni sotshaba, kungeko oyincedayo; intshaba zayibona, zahleka utshabalalo lwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo, Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo, Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi; Ababandezeli bayo bayibona, bakuhleka ukucinywa kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iYerusalem yazikhumbula, ngexesha leshwangusha layo neentsizi zayo, zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwamandulo, Ekuweni kwabantu bayo phambi kotshaba, akwabakho mncedi; Abachasi bambona baza bahlekisa ngaye ngeesabatha zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngemihla yayo yenkxwaleko nokubhadula iJerusalem iyabukhumbula bonke ubuncwane bayo bamandulo. Akubangakho mntu wakuyinceda xa abantu bayo babesoyiswa lutshaba. Iintshaba zayo zayiwa ngeentsini zakubona isiphelo sayo.