Lamentations 1:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
I‐Yerusaleme yonile kakulu; kukona iyinto enco̔lileyo: bonke abebeyibeka bayayidela, ngokuba bebone ubuzé bayo: ewe, yona iyagula, iyabuya ngomva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha; Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba babone ubuze bayo; Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iYerusalem yenze isono esikhulu; wasuswa ke ngoko; Bonke ababelihlonela babelidela, kuba bebona ukungcola kwalo; ewe wancwina wajonga ngasemva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
IJerusalem yone kakhulu, yaza ke ngoko yaba nomlaza. Bonke ababefudula beyihlonele basuke bayidela, kuba bebubonile ubuze bayo. Nayo itsho ngencwina, ide izifihle ubuso.