Lamentations 1:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukunco̔la kwayo kusemasondweni engubo yayo; ayikumbulelanga ukupela kwayo; ngako yabisihla ngento engummangaliso; ibingenaye umtutuzeli. Kangela, Yehova! imbandezelwa yam; ngokuba utshaba luzenze lukulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo; Yehla ke ngokubalulekileyo;ayinamthuthuzeli; Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam;ngokuba utshaba luzikhulisile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubunqambi bakhe busezingutyeni zakhe; akacingi ngekamva lakhe lokugqibela; ke ngoko, wemka ngendlela engaqhelekanga, engenamncedi. Yehova yibone inkxwaleko yam, ngokuba utshaba luzizukisile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukungcola kwayo kunamathele kwizivatho zayo; ayilikhumbulelanga ikamva layo, kwaza kwakhwankqisa ukuwa kwayo. Akubangakho namnye uyithuthuzelayo. Ithi: “Awu, Ndikhoyo, bona iimbandezelo zam; kuba kaloku utshaba luyazigwagwisa.”