Lamentations 2:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amehlo am ayapela zinyembezi, amatumbu am axapazele, isibindi sam sipalele ngasemhlabeni, ngenxa yokwapuka kwentombi yabantu bam; ngokuba intsatshana nentsana zisiwa ezitarateni zesixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amehlo am aphela ziinyembezi, ziyabila izibilini zam, Isibindi sam siphalalele emhlabeni, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, Ngokutyhafa kwabantwana, nabasemabeleni, ezitratweni zomzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amehlo am azele zinyembezi, ziyabila isisu sam, intliziyo yam ibuhlungu ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu; ngokuba besifa isiqaqa abantwana neentsana ezitratweni zomzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amehlo am akaboni ziinyembezi; amathumbu am ayaxuxuzela; ndiphelelwe sisibindi, ngenxa yokubhuqwa kwabantu bakowethu, kuba abantwana neentsana baphelelwe ngamandla ezitalatweni zesixeko.