Lamentations 2:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndokunqi̔nela nto nina? ndokufanisa nanto nina, ntombi yase‐Yerusaleme? ndokulinganisa nanto nina, ukuba ndikututuzele, wena ntombi ipela yase‐Ziyone? ngokuba isapuko sako sikulu njengolwandle; ngubanina ongakupolisayo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndikungqinele, ngantoni na? Ndikufanekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem? Ndikulinganise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon? Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kungqina ngantoni na kuwe? Ndikufanekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem? Ndibona ntoni na kuwe, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon? ngokuba kukhulu ngangolwandle ixesha lakho; ngubani na onokukuphilisa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndingathetha ndithini na kuwe? Ndingakuthelekisa nantoni, ntombindini Jerusalem? Ndingakufanisa nantoni, khon' ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini Ziyon? Inxeba lakho linzulu okolwandle. Ngubani ongakunyangayo?