Lamentations 2:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abaprofite bako bakubonele okungendawo nobudenge: abatyilanga inkohlakalo yako, ukuba kubuyiswe ukutinjwa kwako: kodwa bakubonele imitwalo ebuxoki nezigxotiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu; Ababutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho; Bakubonele imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abaprofeti bakho bakubonisa izinto ezililize nezibubudenge, yaye ababutyhilanga ububi bakho ukuze bakuthintele ukuthinjwa; ke ndanibona imithwalo ebuxoki, nokugxothwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imibono yabashumayeli bakho yayingamampunge nenkohliso; abalutyhilanga ukreqo lwakho ukuze kunqandwe ukuthinjwa kwakho. Izihlabo abazibhekise kuwe zazibubuxoki obulahlekisayo.