Lamentations 2:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zonke intshaba zako ziyakwakamela ngomlomo wazo; ziyenza amakwelo, ziyatshixiza ngamazinyo; ziti: Si yi gqibile; okunene lo ungumhla siwukangeleyo; sesifumene, sesibonile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo; Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile; Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo; babetha umlozi kwaye batshixizela amazinyo; bathi, Simdlile; ngenene le yimini ebesiyilindele; siyifumene, sayibona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uza kuba ngundaba-mlonyeni kwiintshaba zakho zonke, ziphoxise, zikunyevulele, zisithi: “Simginyile khona! Kunini silulindile olu suku! Salufumana, sada salubona.”