Lamentations 2:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona, Yehova! ukangele lowo ungubanina wenje njalo kuye: abafazi baya kudla isixakato sabo na, intsatshana zokutwalwa ezandleni? umperisite nomprofite baya kubulawa na endaweni engcwele yenkosi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bona, Yehova, ukhangele, ngubani na lo wenjenje ukumphatha kakubi? Abafazi bangadla isiqhamo somzimba wabo na? Badle abantwana ababathantamisayo na? Angabulawelwa engcweleni yeNkosi na umbingeleli nomprofeti?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khangela, Yehova, ubone ukuba wenze kubani na le nto. Ngaba abafazi baya kudla iziqhamo zabo nabantwana ixesha elide? Ngaba umbingeleli nomprofeti baya kubulawa engcweleni kaYehova?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khangela, Ndikhoyo, ubone; ngoobani owakha wabenjenje? Ingaba abafazi mabadle inzala yabo na, abantwana ababampelesayo? Ingaba umbingeleli nomshumayeli uthi mababulawe bafele esibingelelweni seNkosi na?