Lamentations 2:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ucingile uyehova, ukutshabalalisa udonga lwentombi yase‐Ziyone; uyolule intambo, akasibuyisanga isandla sake ekugqibeni; wenza ngoko ukuba kulilwe yindawo enqatyisiweyo nodonga; zicubukile kunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova ucinge ukonakalisa udonga lwentombi enguZiyon;Wolule ulutya lokulinganisela, akasibuyisa isandla sakhe ekuginyeni; Wenza ungqameko lomsele lwaba nesijwili, kwanodonga; zithokombisile kunye ezo zinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova ucinge ukonakalisa udonga lwentombi enguZiyon; Wolula umsonto, asatyeka enzonzobileni isandla sakhe; ke ngoko, wenza iindonga zikhala; badanile kunye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wagqiba ekudilizeni iindonga ezirhangqe intombi enguZiyon; wawolula umtya wokulinganisa, waza akasibamba isandla sakhe ekutshabalaliseni. Kwaba sisijwili kwiinqaba neendonga; zadilika zasuka zanyamalala.