Lamentations 4:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bazingela amanyatela etu, ukuba besingenakuhamba ezitarateni zetu: kwasondela ukupela kwetu, yabizalisekile imihla yetu; ngokwenene ukupela kwetu bekufikile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bazingela amanyathela ethu, ukuze singabi nakuhamba ezitratweni zethu; Kusondele ukuphela kwethu, izalisekile imihla yethu; ewe, kufikile ukuphela kwethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bazingela amanyathela ethu, ukuba singahambi ezitratweni zethu; ngokuba kufikile ukuphela kwethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sichwechwelwa ngamadoda asizingelayo ngokokude singabi nakuhamba ezitalatweni zethu. Sisondele isiphelo sethu; ifinciwe imihla yethu; ewe, sifikile isiphelo sethu.