Leviticus 1:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa umbilini nentungo uya kuzihlanza ngamanzi: oko konke umperisite wokusondeza, akutshise pezu kwesibingelo: lidini lokutshiswa, umnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
azihlambe izibilini neentungo ngamanzi, azisondeze umbingeleli zonke ezo nto, aqhumisele ngazo esibingelelweni.Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa yena wosihlamba isisu sakhe neenyawo zakhe ngamanzi, azisondeze umbingeleli zonke ezo zinto, aqhumisele ngazo ngomlilo esibingelelweni; Elo lidini elinyukayo, livumba elithozamisayo kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu onikelayo yena uya kuhlamba izibilini kwakunye namanqina elo dini, aze yena umbingeleli alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.