Leviticus 1:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kulicanda ngamapiko alo, angalahluki kanye kodwa; andule umperisite alitshise pezu kwesibingelo, pezu kwenkuni ezisemlilweni: lidini lokutshiswa, umnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
alicande emaphikweni alo, engawahluli kanye, aqhumisele ngalo umbingeleli esibingelelweni, phezu kweenkuni eziphezu komlilo. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kukuqwenga ngamaphiko akhe, kodwa akayi kukuqwenga; Woqhumisela ngezo nto umbingeleli esibingelelweni, phezu kweenkuni ezitshayo kumlilo, umlilo, livumba elithozamisayo kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
andule ukulibamba ngamaphiko, aliqhaqhe, kodwa angalikrazuli kubini; athi emva koko alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.”