Leviticus 1:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa umbilini walo nentungo zalo uya kuzihlanza ngamanzi: oko konke umperisite uya kukutshisa pezu kwesibingelo, kube lidini lokutshiswa, umnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke zona izibilini zalo, neentungo zalo mazihlanjwe ngamanzi, aqhumisele ngezo nto zonke umbingeleli esibingelelweni. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena uya kuzihlamba izibilini zakhe neenyawo zakhe ngamanzi, aqhumisele ngezo nto zonke umbingeleli esibingelelweni zibe lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni oko kukuthi ivumba elithozamisayo kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu lowo yena makahlambe izibilini namanqina enkomo leyo, aze yena umbingeleli alitshise lonke elo dini phezu kweqonga. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.