Leviticus 10:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Mosesi wateta ku‐Arone, naku‐Elezari, naku‐Yitamare, onyana bake abaseleyo, esiti: Tabatani umnikelo wokudla oseleyo kuyo iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova, niwutye ungenagwele kufupi nesibingelo; ngokuba uyinto eyingcwelekazi wona:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uMoses kuAron, nakuElazare nakuItamare, oonyana bakhe abaselayo, wathi, Thabathani umnikelo wokudla oseleyo ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, niwudle ungenagwele ecaleni lesibingelelo; kuba uyingcwele kangcwele lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuAron, nakuElazare, nakuItamare, oonyana bakhe abaseleyo, Thabathani umnikelo oseleyo ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, niwudle ungenagwele esibingelelweni; ngokuba uyingcwele kakhulu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wabhekisa kuAron nakoonyana bakhe abaseleyo, uElazare noItamare, wathi: “Ukutya okuseleyo kumnikelo obusenzelwa uNdikhoyo ze nikuthathe nenze izonka ezinganyuswanga, nizityele phaya ngaseqongeni. Kaloku lo ngumnikelo ongcwele.