Leviticus 10:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako isifuba sokushukushukunyiswa nomkono wokufunqufunqulwa niya kuzidla endaweni emhlope, kwa wena, nonyana bako, nentombi zako kunye nawe: ngokuba zisisahlulelwa sako, nesahlulelwa sonyana bako, eni zipiwe kwimibingo yoxolo yosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke incum yomtshangatshangiso nomlenze womrhumo, ezo nto nozidla endaweni emhlophe, wena noonyana bakho neentombi zakho kunye nawe; kuba zimiselwe wena, zimiselwe oonyana bakho;zenizinikiweyo emibingelelweni yoxolo yoonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zidle ibele elishukumayo, negxalaba elishukumayo endaweni ehlambulukileyo; wena noonyana bakho, neentombi zakho, nawe; ngokuba yeyakho neyoonyana bakho, ekuyibingelelweni imibingelelo yombulelo yoonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nina noonyana neentombi zenu ningayitya incum ewanga-wangisiweyo kwanomlenze onikelwe kuThixo. Ningazityela naphi na apho kungekho *mlaza. Esi sabelo siyinxaxheba yenu kunye nabantwana benu evela kumadini obudlelane anikelwa ngamaSirayeli kuNdikhoyo.