Leviticus 10:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umkono wokufunqufunqulwa nesifuba sokushukushukunyiswa baya kuzizisa kunye neminikelo yamanqata eyenziwa ngomlilo, kuze kushukushukunyiswe umnikelo wokushukushukunyiswa ebusweni bukayehova: oya kuba ngowako, nowonyana bako kunye nawe, ngommiselwa ongunapakade: njengokuba eyalele uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umlenze womrhumo nencum yomtshangatshangiso yoziswa nokudla kwasemlilweni kwamanqatha, ukuba itshangatshangiswe ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ibe ngowakho noonyana bakho kunye nawe; ibe ngummiselo ongunaphakade, njengoko uYehova wawisayo umthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umlenze ophakanyiswayo netyeya etshangatshangiswayo yoziswa ndawonye nomnikelo otshiswayo wamanqatha ukuze zitshangatshangiswe zibe ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova; ibe yeyakho noonyana bakho kude kuse ephakadeni; njengoko uYehova wawisayo umthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kufuneka le ncum nalo mlenze beze nazo kanye ngexesha kusondezwa iminikelo yamanqatha eyenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ezi nyama ziya kusoloko zisisabelo senu, kunye nabantwana benu, njengoko etshilo uNdikhoyo.”