Leviticus 10:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunganina ukuba ningatyanga idini lesono endaweni engcwele? ngokuba liyinto eyingcwelekazi lona, nenilipiweyo ukuba nitwale inkohlakalo yentlanganiso, ize nenzele bona uxoliso ebusweni bukayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kutheni na le nto ningalidlanga idini lesono endaweni engcwele? Kuba liyingcwele kangcwele; uninike lona ukuze nibuthwale ubugwenxa bebandla, ukuze nilicamagushele phambi koYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kutheni na ningawudlanga umnikelo wesono kwindawo engcwele, ekubeni uyeyona nto ingcwele, waza uThixo waninika wona ukuba nithwale ububi bebandla, ukuze nilicamagushele phambi koYehova?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
watsho wathi kuElazare noItamare: “Kutheni ningayityelanga kule ndawo ikhethekileyo nje inyama yedini lokucamagusha? Kaloku yinyama engaphumiyo; niyinikwa nguNdikhoyo ukuze nicamagushele ibandla.