Leviticus 10:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wateta u‐Arone ku‐Mosesi, wati: Bona ke, namhla nje banikele idini lesono labo nedini lokutshiswa labo pambi kwoyehova, nangona izinto ezinje zindihlile; ukuba bendityile idini lesono namhla nje, bekuya kuba kulungile na oko emehlweni kayehova?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uAron kuMoses, esithi, Yabona, namhlanje basondeze idini labo lesono, nedini labo elinyukayo phambi koYehova; ndahlelwa zezi zinto. Ukuba bendilidlile idini lesono namhla bekuya kulunga yini na emehlweni kaYehova?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAron kuMoses, Yabona, namhlanje besondeze idini labo lesono, nedini labo elinyukayo phambi koYehova; zandihlela ezo zinto; yaye ukuba bendiwudlile umnikelo wesono namhlanje, ngaba ngekukholekile na emehlweni kaYehova?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAron waphendula wathi: “Kaloku namhlanje sizise idini lokucamagushela izono kunye nelethu elitshiswayo. Kambe ke uyayiqonda le ntlekele ihlileyo namhlanje! Xa besiyityile ke namhlanje inyama yeli dini ibingamkholisa njani uNdikhoyo loo nto?”