Leviticus 10:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Mosesi ku‐Arone: Koku akutetileyo uyehova, esiti: Ngabo basondela kum ndiya kungcwaliswa, nasebusweni babantu bonke ndiya kuzukiswa. Koko u‐Arone wati cwaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuAron, Yilaa nto wayithethayo uYehova, wathi, Ndozingcwalisela abasondela kum, ndizizukise ebusweni babantu bonke; wathi cwaka uAron.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuAron, Utsho uYehova ukuthi, Ndozingcwalisela abasondela kum, ndizukiseke phambi kwabantu bonke. Wathi tu uAron.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis ke uthe kuAron: “Nantso ke into eyayixelwa nguNdikhoyo ngokuya wayesithi: ‘Kufuneka bandihlonele bonke abasondelayo kum; abantu bam ndobabonisa isihomo nesithozela sam.’ ” Yena uAron wasuka wathula tu.