Leviticus 10:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Mosesi ku‐Arone, naku‐Elezari, naku‐Yitamare, onyana bake: Intloko zenu ningazihlubululi, nezivato zenu ningaziṙazuli, ukuba ningafi, nokuba kungaqunjelwa yonke intlanganiso; kodwa abazalwana benu, kwa yonke indlu yo‐Sirayeli, mabalilele okukutsha uyehova akupembileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuAron, nakuElazare, nakuItamare, oonyana bakhe, Musani ukuziyeka ziyakazele iinwele zenu, ningazikrazuli iingubo zenu, ukuze ningafi, nokuze umsindo ungalifikeli ibandla lonke; abazalwana benu, yonke indlu kaSira yeli, bangakulilela bona ukutshisa akutshisileyo uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuAron nakoonyana bakhe uElazare noItamare, Musani ukuzigqubuthela entloko, ningazikrazuli iingubo zenu; ukuze ningafi, bungabi nalo lonke uhlanga; kodwa mabalile bonke aba bazalwana bendlu kaSirayeli ngenxa yomlilo awutshisileyo uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis ubhekise kuAron nakoonyana bakhe uElazare noItamare, wathi: “Musani ukubazilela aba bangasekhoyo. Musani ukuziyeka iinwele zenu zingachazwanga, ningazikrazuli nezambatho zenu hleze nife, abe ke uNdikhoyo angaliqumbela ibandla liphela. Kambe ke onke amanye amaSirayeli wona angayizilela le ntlekele yokufa kwaba bantu ngomlilo othunyelwe nguNdikhoyo.