Leviticus 11:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako konke iya kuwa pezu kwako enye kuzo, yakuba ifile, kwoba kunco̔lile; nokuba yenye impahla yomti, umhlaumbi sisivato, umhlaumbi yintsuba, umhlaumbi yinxowa, umhlaumbi yenye impahla ekwenziwa umsebenzi ngayo, iya kungeniswa emanzini, ibe inco̔lile kude kuhlwe; yandule icokiseke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izinto zonke ezithe zawelwa yenye yazo ifile, zoba ziinqambi: nokuba ziimpahla zonke zemithi, nokuba ziingubo, nokuba zizikhumba, nokuba ziinqambi, zihlwise; zize zihlambuluke ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yonke into ethe yawelwa enye kuzo ekufeni, yoba yinqambi; nokuba yimpahla yomthi, nokuba yingubo, nokuba yimpahla, nokuba yisikhumba, nokuba yingxowa, yonke into ekusetyenzwa ngayo, yaphoswa emanzini, ibe yinqambi, ihlwise; ngoko iya kuhlanjululwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kukho into ethe yawelwa zezo zinto xa zifile, yoba nomlaza nayo. Ndithetha nkqu nezinto ezenziwe ngamaplanga, ngamalaphu, ngethwathwa, okanye ngerhonya, nokuba isetyenziselwa ntoni na loo nto; kufuneka ifakwe emanzini, kodwa liya kude litshone ilanga ingekahlambuluki.