Leviticus 11:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nazo zonke impahla zodongwe, iya kweyela pakati kwazo enye kuzo, konke okupakati kwazo kwoba kunco̔lile, nazo zona noziqekeza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
limpahla zonke zomdongwe, ethe yeyela kuzo enye yazo, zoba ziinqambi zonke izinto eziphakathi kwazo; noziqhekeza ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Limpahla zonke zomdongwe, ethe yeyela kuzo enye kuzo, zoba ziinqambi zonke izinto eziphakathi kwazo; kwaye uya kuyiqhekeza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba into efileyo kwezi iwela engqayini, yonke into engaphakathi kuloo ngqayi ayinakutyiwa. Yona ingqayi kufuneka iqhekezwe.