Leviticus 12:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Teta nosapo luka‐Sirayeli, usiti: Umfazi nxa akaulileyo, wazala inkwenkwe, woba enco̔lile imihla ibe sixe̔nxe; njengasemihleni yokwahlukanela isifo sake woba enco̔lile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umfazi, xa athe wathabatha, wazala inkwenkwe, woba yinqambi imihla esixhenxe;njengemihla yokungcola komzi wakhe woba yinqambi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umfazi, xa athe wathabatha, wazala indoda, woba yinqambi imihla esixhenxe; njengemihla yokuhlanjululwa kwesigulo sakhe woba yinqambi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ukuba ayigqithisele kumaSirayeli: Umdlezana emva kokubeleka inkwenkwe woba *nomlaza iintsuku ezisixhenxe, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni.