Leviticus 12:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kwandula ahlale egazini lokucokiswa kwake imihla ibe ngamashumi matatu anesitatu; konke okungcwele akayi kukucukumisa, neyingcwele indawo akayi kungena kuyo, kude kuzalisekiswe imihla yokucokiswa kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
aze ahlale egazini lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathathu anantsuku-ntathu; angazichukumisi zonke izinto ezingcwele, angangeni engcweleni, zide zizaliseke iintsuku zokuhlanjululwa kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wohlala egazini lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathathu anantathu; angachukumisi nanye ingcwele, angangeni engcweleni, zide zizaliseke iintsuku zokuhlanjululwa kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodlula amashumi amathathu anantathu eentsuku ngaphambi kokuba loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Kufuneka angaphathi nanye into eyahlulelwe uThixo, angasondeli nokusondela *esibingelelweni kude kuphele ixesha lokuhlanjululwa kwakhe.