Leviticus 12:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba uzele inkazana woba enco̔lile iveki zibe mbini, njengasekwahlukaneni kwake; andule ahlale egazini lokucokiswa kwake imihla ibe ngamashumi matandatu anesitandatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba uthe wazala intombi, woba yinqambi iiveki ezimbini, njengasekungcoleni kwakhe; ahlale phezu kwegazi lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathandathu anantsuku ntandathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba uthe wazala intombi, woba yinqambi iiveki ezimbini, njengokuqhawula kwakhe umtshato; ahlale egazini lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathandathu anesithandathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umdlezana emva kokubeleka intombazana woba nomlaza iintsuku ezilishumi elinane, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni. Kodlula amashumi amathandathu anantandathu eentsuku ngaphambi kokuba ahlambuluke ekopheni.