Leviticus 12:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Woti kwakuzalisekiswa imihla yokucokiswa kwake, ngenxa yonyana, umhlaumbi ngenxa yentombi, andule azise imvana yomnyaka mnye ibe lidini lokutshiswa, netole lezuba, umhlaumbi ihobe, libe lidini lesono, elucangweni lwentente yentlangano, kumperisite:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekuzalisekeni kweentsuku zokuhlanjululwa kwakhe ngonyana, nokuba kungentombi, wozisa imvana emnyaka mnye ibe lidini elinyukayo, negobo levukuthu nokuba lihobe, libe lidini lesono, emnyango wentente yokuhlangana, kuye umbingeleli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekupheleni kweentsuku zokuhlanjululwa kwakhe, ngenxa yonyana nokuba yentombi, wozisa imvana emnyaka mnye, ibe lidini elinyukayo, nehobe, nokuba lihobe, libe lidini lesono emnyango, lithabathele ententeni yokuhlangana, liye kumbingeleli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lakufika ixesha lokuhlanjululwa kwakhe, nokuba ebebeleke inkwenkwe okanye intombazana, kufuneka ase itakane elinonyaka kumbingeleli ekungeneni kwesibingelelo, eliza kuba lidini elitshiswayo, kunye nevukuthu okanye ihobe lokwenza idini lokucamagushela isono.