Leviticus 12:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba isandla sake asifumani okwanele imvana, makatabate amahobe abe mabini, umhlaumbi amatole ezuba abe mabini, elinye libe leledini lokutshiswa, elinye libe leledini lesono; ati umperisite amenzele uxoliso, abe yena ecokisekile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba isandla sakhe sithe asaba nakufumana nto ilingana nemvana, wothabatha amahobe abe mabini, nokuba ngamagobo evukuthu abe mabini, elinye libe leledini elinyukayo, elinye libe leledini lesono, umbingeleli amcamagushele, aze ahlambuluke ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ke akanako ukuzisa imvana, wozisa amahobe amabini, nokuba ngamahobe amabini; elinye libe leledini elinyukayo, elinye libe leledini lesono; aze umbingeleli amcamagushele, aze azisulungekise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba loo mdlezana akanako ukuzisa itakane, makeze namahobe amabini okanye amavukuthu amabini. Elinye loba leledini elitshiswayo, elinye libe lelokucamagushela isono. Ngokwenjenjalo umbingeleli uya kumcamagushela, aze loo mdlezana ahlambuluke.