Leviticus 13:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Woti umperisite akubona lonyama eṙwada, axele ukuba unco̔lile; leyonyama eṙwada inco̔lile; sisilepero sona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aze ayikhangele umbingeleli inyama ekrwada, athi uyinqambi; inyama ekrwada iyinqambi: liqhenqa ke elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Woyikhangela umbingeleli inyama ekrwada, athi ayihlambulukile; ngokuba inyama ephekiweyo iyinqambi: liqhenqa ke elo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kufuneka aphinde umbingeleli amxilonge, aze athi akufumana isilonda, azise ukuba loo mntu ubuye wanomlaza. Isilonda sixela isifo solusu esosulelayo; umntu onaso ke unomlaza.