Leviticus 13:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umntu xeshekweni anokudumba, umhlaumbi sisilonda, umhlaumbi lityakuva elikazimlayo, entlonzeni yenyama yake, elifanel’ ukuba sisibulawa sesilepero entlonzeni yenyama yake, uya kwandula aziswe ku‐Arone umperisite, umhlaumbi komnye konyana bake abaperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umntu xa kuthe kwakho eluswini lwenyama yakhe ukufukuka, nokuba kukujaduka, nokuba litshatshazi, laba sisibetho seqhenqa eluswini lwenyama yakhe, woziswa kuAron umbingeleli, nokuba kukomnye woonyana bakhe ababingeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umntu xa kuthe kwakho eluswini lwenyama yakhe itshatshazi, nokuba litshatshazi, nokuba litshatshazi, libonakala linjengeqhenqa eluswini lwenyama yakhe; woziswa kuAron umbingeleli, nakomnye woonyana bakhe, ababingeleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kukho umntu onesilonda, nokuba lithumba, nokuba kukujaduka okungahle kube sisifo solusu esosulelayo, loo mntu kufuneka asiwe kumbingeleli womlibo ka-Aron.