Leviticus 13:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba ityakuva elikazimlayo liti nqumama endaweni yalo, lingatwabuluki entlonzeni nje, kodwa limncumevu, kukudumba kwesitsha; kukona umperisite aya kuxela ukuba ucocekile; ngokuba lukoko lwesitsha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha eluswini, lisuke labuna: kukufukuka komtshiso oko.Umbingeleli wothi uhlambulukile; kuba kukuqulungana komtshiso oko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha eluswini, lisuke labuna: yimfumba yomlilo leyo, aze umbingeleli athi ihlambulukile, ngokuba kukudla komlilo oko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ukuba eso silonda asibhidlanga, sihleli sinjengoko besinjalo, yaye sirhawukile, ayisiso ke isifo solusu esosulelayo. Umbingeleli uya kwazisa ukuba loo mntu akanamlaza; into anayo sisilonda nje esenziwe kukutsha.