Leviticus 13:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa xeshekweni umperisite abona isibulawa sokwekwe, ukuba kekaloku asinzulu kuyo intlonze ukubonakala kwaso, nokuba inwele ezimnyama aziko kuso, woti umperisite amtshixele onesibulawa sokwekwe imihla ibe sixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe umbingeleli wasikhangela isibetho sokudlathuka kweenwele, O! asithe gangqa eluswini ukubonakala kwaso, kungekho lunwele lulubhelu kuso, umbingeleli womvalela onesibetho sokudlathuka kweenwele imihla esixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasibona umbingeleli isibetho sokujaduka, wasikhangela, ukuba lithe gangqa eluswini ukubonakala kwalo, kungekho lunwele lumnyama kuso; umbingeleli amvalele imihla esixhenxe onendawo edlathukileyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kuthe akuxilongwa kwafunyanwa isilonda eso singenzulu kunolusu lwangaphandle, kodwa bona uboya bube bujikile ibala, kuya kufuneka agcinwe bucala iintsuku zibe sixhenxe.