Leviticus 13:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andule abuye umperisite akangele ukwekwe ngomhla wesixe̔nxe: ukuba kekaloku ukwekwe alutwabuluki entlonzeni, nokuba alunzulu kuyo intlonze ukubonakala kwalo, woti umperisite axele ukuba ucocekile; waeya kuhlanza izivato zake, abe ecokisekile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umbingeleli akukukhangela ngomhla wesixhenxe ukudlathuka, O! ukudlathuka akuqhenqethanga eluswini, ukubonakala kwako kungathanga gangqa eluswini, umbingeleli wothi uhlambulukile.Wozihlamba iingubo zakhe, ahlambuluke ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wothi ngomhla wesixhenxe umbingeleli akukhangele oko kumhlophe, akhangele ukuba ukudlathuka akunwenwanga eluswini, akubonakali eluswini; wothi uhlambulukile umbingeleli; azihlambe iingubo zakhe, ahlambuluke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wobuya amxilonge ngosuku lwesixhenxe, sithi ke ukuba asibhidlanga isilonda, singenzulu kunolusu lwangaphandle, azise ke umbingeleli ukuba loo mntu uhlambulukile, akanamlaza. Loo mntu kufuneka ahlambe izambatho zakhe, ukuze ahlambuluke.