Leviticus 13:55 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa umperisite, emveni kwokuhlanzwa kwayo, aya kubona isibulawa, ukuba kekaloku isibulawa asiguqukanga ukubonakala kwaso, nokuba isibulawa asitwabulukanga; inco̔lile yona; uya kuyitshisa ngomlilo: idlekile pakati, nokuba icucekile kwelasemva icala, nokuba icucekile kwelapambili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
asikhangele umbingeleli isibetho emveni kokuhlanjwa, O!isibetho asiguqukanga ukubonakala kwaso, asiqhenqethanga isibetho: yinqambi loo nto; yotshiswa ngomlilo. Yinkrombonca ngaphakathi nangaphandle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wokukhangela umbingeleli emva kokuhlanjwa, akhangele ukuba ukufa akujikalanga, nokuba ukufa akunwenwanga; ayicocekanga; umtshise ngomlilo; ingaphakathi, nokuba ingaphakathi okanye ngaphandle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuya kuthi ke xa ngaba ukungunda akuphelanga naxa kunganwenwanga, loo nto inomlaza kufuneka itshiswe nokuba ingunde ngaphandle okanye ngaphakathi.