Leviticus 13:58 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti isivato, umhlaumbi okwoluliweyo, umhlaumbi okunqanyulezisiweyo, umhlaumbi enye into yolusu, kwa oko kusukuba uya kuhlanza kona, ukuba isibulawa simkile kuko, kwohlanzwa ngokwesibini, kuze kube kucokisekile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, nempahla yonke yesikhumba ehlanjiweyo, ukuba sithe isibetho semka kuyo, yophindwa ihlanjwe, ihlambuluke ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa isambatho okanye umsonto okanye umsonto okanye nantoni na yesikhumba ehlanjwayo, ukuba isibetho sithe sancothuka kuyo, yophinda ihlanjwe ihlanjwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa athe wayihlamba loo nto, kwaza kwaphela ukungunda, makaphinde ayihlambe, ukuze ingabi namlaza.