Leviticus 13:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti ukuba isilonda sesitwabulukile entlonzeni, emveni kwokubonakaliswa kwake kumperisite ngenxa yokucokiswa kwake, wobonakaliswa ngokwesibini kumperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ukujaduka kuthe kwaqhenqetha kakhulu eluswini, emva kokubonakala kwakhe kumbingeleli ngenxa yokuhlanjululwa kwakhe, wophinda abonakale kumbingeleli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ukujaduka kuqhenqethile eluswini, emva kokubonakala kwakhe kumbingeleli ngenxa yokuhlanjululwa kwakhe, wophinda abonakale kumbingeleli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ukuba emva koko isilonda sithe sabhidla, kufuneka aye kwakumbingeleli loo mntu kwakhona.