Leviticus 14:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kuxe̔la imvana leyo endaweni apo kuxe̔lwa kona idini lesono nedini lokutshiswa, endaweni eyingcwele: ngokuba njengedini lesono linjalo idini letyala, lelomperisite; liyinto eyingcwelekazi lona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ayixhelele imvana apho kuxhelelwa khona idini lesono nedini elinyukayo, endaweni engcwele; kuba, njengokuba lilelombingeleli idini lesono, likwanjalo idini letyala:liyingcwele kangcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Woyibingelela imvana apho kunyuselwa khona idini lesono nedini elinyukayo, endaweni engcwele; ngokuba idini lesono lelikambingeleli, nedini letyala lingcwele kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nkunzi yegusha enonyaka woyinqumlela kulaa ndawo ikhethekileyo kuxhelelwa kuyo izinto zokwenza amadini okucamagushela isono natshiswayo. Kufuneka enjenjalo, kuba kaloku idini lentlawulo lidini elilodwa, elisisabelo sombingeleli, njengoko linjalo idini lokucamagushela isono.