Leviticus 14:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba kodwa ulihlwempu yena, isandla sake singenakufikela okungaka nje, makatabate imvana ibe nye ibe lidini letyala, kushukushukunyiswe, kuze kumenzelwe uxoliso; kwa neseshumi isiqingata sibe sinye seyefa yomgubo ocolekileyo, unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla, neloge yeoli;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba uthe waba sisweli, nesandla sakhe asaba nakukufumana oko, wothabatha imvana ibe nye, ibe lidini letyala lokutshangatshangisa, amcamagushele, nesahlulo seshumi somgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, sibe sinye, ube ngumnikelo wokudla, neloge yeoli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ukuba ulihlwempu kwaye akanako ukuwubona loo mlinganiselo; aze athabathe imvana ibe nye njengomnikelo wetyala amcamagushele nesahlulo seshumi somgubo ocoliweyo, ogalelwe ioli, ube ngumnikelo otshiswayo neloge yeoli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ngaba loo mntu ulihlwempu, yaye engenako ukwenza ngenye indlela, kufuneka eze nenkunzi yegusha yokwenza idini lentlawulelo. Eli lidini eliwanga-wangiswa phambi koNdikhoyo ukucamagushela umntu lowo. Kufuneka aphathe nekhilogram enye yomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma aza kuba ngumnikelo wokutya, kwakunye namafutha omnquma anganeno kwesiqingatha selitha.