Leviticus 14:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
andule axele umperisite, ukuba kutatyatelwe lowo oya kucokiswa intakana zibe mbini, ezipilileyo, ezicocekileyo, nomti wesedare, nesibomvu, nehisope;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
awise umthetho umbingeleli, ukuba lowo uzihlambululayo athatyathelwe iintaka ezimbini eziphilileyo, ezihlambulukileyo, nomsedare, noboya obubomvu, nehisope.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawisa umthetho umbingeleli, wathi, Iintaka ezimbini eziphilileyo, ezihlambulukileyo, nomsedare, nezinto ezibomvu, nehisope, kulowo uzihlambululayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
umbingeleli uya kuthi makuziswe iintaka ezimbini ezityiwayo, kunye neceba lomthi womsedare, negqesha elibomvu, kwakunye nehlamvu lengcongolo ekuthiwa yihisopu.