Leviticus 14:48 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nxa abuya angene umperisite, abone ukuba kekaloku isibulawa asitwabulukanga endlwini, emveni kwokutyatyekwa kwayo; woti umperisite axele ukuba icocekile leyondlu, ngokuba sesipilisiwe isibulawa eso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba umbingeleli uthe wangena, wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga endlwini emveni kokutyatyekwa kwendlu, umbingeleli wothi ihlambulukile indlu, ngokuba isibetho siphilisiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wangena umbingeleli, wakhangela, wabona ukuba akunwenwanga kufa endlwini emva kokwaluswa kwendlu; wothi umbingeleli ihlambuluke indlu, ngokuba isibetho siphilisiwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa athe weza kuyihlola loo ndlu umbingeleli emva kokuba ihlaziyiwe, waza akabona kungunda kukhoyo, uya kuthi loo ndlu ayisenawo umlaza, kuba kaloku umngundane uphelile.