Leviticus 14:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nalowo oya kucokiswa yena uya kuhlanza izivato zake, agugule zonke inwele zake, ahlambe emanzini, aze abe ecokisekile: woti emveni kwoko angene emnqubeni; kodwa uya kuhlala ngapandle kwentente yake imihla ibe sixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lowo uzihlambululayo wozihlamba iingubo zakhe, achebe zonke iinwele zakhe, ahlambe emanzini, ahlambuluke ke. Emveni koko wongena eminqubeni, ahlale ngaphandle kwentente yakhe imihla esixhenxe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lowo uzihlambululayo wozihlamba iingubo zakhe, achebe zonke iinwele zakhe, ahlambe emanzini, ahlambuluke; emva koko uya kungena enkampini aze ahlale ngaphandle kwentente yakhe iintsuku ezisixhenxe iintsuku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo mntu ke kufuneka ahlambe impahla yakhe, achebe iinwele, ahlambe nomzimba, aze ke abe uhlambulukile. Angangena ngoku ngaphakathi kwelali, kodwa kufuneka angangeni endlwini yakhe kude kuphele iintsuku ezisixhenxe.