Leviticus 14:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti ngomhla wesixe̔nxe, uya kugugula zonke inwele zake, intloko yake, nodevu lwake, namashiyi ake; kwa zonke inwele zake uya kuzigugula: waeya kuhlanza izivato zake, ayihlambe inyama yake ngamanzi, aze abe ecokisekile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuthi ngomhla wesixhenxe, achebe zonke iinwele zakhe entloko, nasesilevini sakhe, nasemashiyini akhe, azichebe zonke iinwele zakhe, azihlambe iingubo zakhe, ahlambe umzimba wakhe emanzini, ahlambuluke ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kothi ngomhla wesixhenxe, azichebe zonke iinwele zakhe entloko, nasesilevini sakhe, nasemashiyini akhe, azichebe zonke iinwele zakhe, azichebe zonke iinwele zakhe, ahlambe iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini, wohlambuluka ke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wobuya azichebe iinwele kwakhona ngomhla wesixhenxe, achebe neendevu, neentshiya; bonke uboya obusemzimbeni abuchebe nabo, aphinde ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, aze ke emva koko abe akanawo tu umlaza.