Leviticus 15:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo lowo asukuba emcukumisile onegqita, engekayalazanga izandla zake ugamanzi, yena uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abasukuba bemchukumisa obhobhozayo, bangazigaleli amanzi izandla zabo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lowo umchukumisayo, ongazihlambanga izandla zakhe emanzini, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa laa ndoda inomlaza ithe yabamba umntu ingazihlambanga izandla zayo, loo mntu yena usulelekile. Kufuneka ahlambe impahla, ahlambe nomzimba. Wohlala enomlaza naye kude kutshone ilanga.