Leviticus 15:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Osukuba ecukumisa umandlalo wake, uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abo bachukumisa isilili sakhe bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indoda esukuba isichukumisa isilili salowo, yozihlamba iingubo zayo, ihlambe emanzini, ibe yinqambi, ihlwise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu ochukumisa umandlalo waloo mfazi, okanye into athe wahlala phezu kwayo, uyasuleleka ngumlaza kude kutshone ilanga, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba.