Leviticus 15:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni umfazi anokupuma kwegqita legazi lake imihla emininzi, kwakungabiko ixesha lokwahlukana kwake, umhlaumbi nxa anegqita pezu kwelokwahlukana kwake; yonke imihla yegqita lokunco̔la kwake, njengasemihleni yokwahlukana kwake, woba enco̔lile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umfazi xa athe wampompoza ukumpompoza kwegazi lakhe imihla emininzi, ingelilo ixesha lokungcola kwakhe, naxa lithe lampompoza ngaphezu kwelokungcola kwakhe: yonke imihla yokumpompoza kobunqambi bakhe yoba njengemihla yokungcola kwakhe, abe yinqambi yena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umfazi xa athe wopha imihla emininzi, emveni komhla wokuhlambuluka kwakhe, nokuba lithe lagqithisa ekungcoleni kwakhe, nokuba lithe ladlula ithuba lokuba sexesheni lakhe; yonke imihla yokumpompoza kobunqambi bakhe yoba njengemihla yokubonakala kwakhe; woba yinqambi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kukho umntu obhinqileyo ohlambayo naxa engekho exesheni lokwenza loo nto, okanye ohlamba naxa seligqithile ixesha lakhe, uba nomlaza ngaye wonke lo gama asahlambayo, kanye njengoko kuba njalo xa esexesheni.